Twitter The Herald La Femme Weekend Post News Feed News Break
Sunscribe to The Herald Port Elizabeth eEdition Online News
Breaking News Special Reports Latest Galleries Lifestyle Service Directory Classifieds

Ubizo olukhuthaza inxaxheba kubarhafi


Posted : 06 July 2012
Mkhululi Ndamase

UKUTHANDA ukusebenza nabantu kwenza u-Xolisa Matthews akhethe usebenza kwa-South African Revenue Services (SARS).

U-Matthews, ohlala e-NU4A, uneminyaka elishumi elinanye eyi-taxpayer educator kwa-SARS.

"Eyonanto yandenza ndakhetha lomsebenzi luthando lokunceda abantu. Ndilala ndincumile maxa onke xandithe ndafundisa uluntu ngokubaluleka kwentlawulo yerhafu. Ndidibana nabantu abaninzi abohlukileyo kulomsebenzi,” utshilo.

"Enye into eyandenza ndakhetha lomsebenzi kukufuna umsebenzi onesidima, ulwazi kunye nomceli-mngeni.”

"Ndisebenza kwiphondo lonke apho ndihamba ndisenza ii-workshops ndifundisa abantu ngomcimbi werhafu,” utshilo.

Ufunde iminyaka emithandathu e-Algoa Collage of Education nase Border Technikon eyaziwa njenge-Walter Sisulu University (WSU) ngoku.

"Ndenze ii-diploma ezimbini,” utshilo.

"Ndakhula ndinqwenela ukuba ngumsasazi wezemidlalo ngenxa yongasekhoyo u-Makhosandile Ndzishe owayesaya kuba ngumsasazi wezemidlalo kwi Radio Xhosa.

Wongeze ngokuba namazwi enkuthazo kubantu abafuna ukulandela ekhondweni lakhe.

"Ubom abululanga, kufuneka umntu anyamezele.

"Imfundo nokuzimisela kwinto oyenzayo zezona zinto zibalulekileyo xa ufuna uphumelela ebomini. Zihloniphe, kunye nabo bakungqungileyo, ingakumbi abantu abadala.”


Recent Articles

NPO lends a hand Feeding the hungry daily Fundraising shop opens its doors
Media Center
Visit Our Youtube Channel
Xolisa Matthews
Browse Blog Categories
News Sport Letters Columns Entertainment Contact Us Walmer Sun Motherwell Sun Northern Sun Western Sun
Archives for this Blog
Comment on this article via Facebook
The Herald Port Elizabeth - Inspired by Times Media Group The Herald Port Elizabeth Digital Media & Marketing Association

All material copyright The Herald. © Times Media Group. All Rights Reserved.

Subscribe | Terms & Conditions | Privacy Policy | News | Archives | Events | Blogs | Classifieds | About Us | Jobs | Herald Rates | WeekendPost Rates

Website development and design by Online Innovations