Twitter The Herald La Femme Weekend Post News Feed News Break
Sunscribe to The Herald Port Elizabeth eEdition Online News
Breaking News Special Reports Latest Galleries Lifestyle Service Directory Classifieds

Uphuhliso luntu ngokwezempilo


Posted : 06 July 2012
Mkhululi Ndamase

IKAMVA Lelizwe Community Development ngumbutho ongenzi mali (NPO) wabantu abaphila nesifo sikagawulayo.

Lombutho unamalungu angamashumi amathathu use-Emmanuel Haven e-NU12.

Usihlalo u-Masumpa Ramolahlei, uthe iKamva lasekwa ngo-2010.

"Iinjongo zethu zezokuba abantu abaphila nesisifo bakwazi ukuziphuhlisa ngaphandle kokujonga isibonelo semali kurhulumente, nokuba bangaxhomekeki ebantwini,” utshilo u-Ramolahlei.

Wongeze ngelithi badinga indawo abanokusebenzela kuyo.

"Izithole nembewu sinazo, sidinga indawo esingathi silime kuyo qha ngoku.

"Omatshini namalaphu okuthunga sinawo, qha sibethwa yindawo esizakuyibiza ngokuba ngeyethu. Sicela uncedo nakubani onokusinceda [kweliphulo].”

Amalungu eKamva acebisana ngeendlela zokuphila nogawulayo.

"Asinyanzelisi mntu ukuba azibandakanye nathi. Sifuna umntu afune ngokwakhe.

"Asifuni sikolo samntu, sifuna kanye aba bathi abananto – aba bazeyayo kuba bengafundanga.

"Umntu ukhupha i-R20 yokuba yinxalenye yethu ngonyaka xa engekho kwikomiti. Amane ekhupha ne-R10 qho ngenyanga. Amalungu ekomiti akhupha i-R50 wona,” utshilo.

U-Ramolahlei ugqibezele ngelithi umntu uyakwazi ukuphila ubomi obude nangona ephila nesifo sikagawulayo.

"Mna ndaqala ukutya ii-ARV ngonyaka ka 2004. Ndingumzekelo ophilayo ukuba umntu uyakwazi ukuphila nesisifo, qha kufuneka usele amayeza akho, utye kakuhle, uzilolonge umzimba, naxa ukhathazwa yinto ungayigcini ngaphakathi, uthethe nomntu.

"Kufuneka umntu ayamkele imo azifumana ekuyo nokuba kunzima kangakanani na,” utshilo u-Ramolahlei.


Recent Articles

NPO lends a hand Feeding the hungry daily Fundraising shop opens its doors
Media Center
Visit Our Youtube Channel
Browse Blog Categories
News Sport Letters Columns Entertainment Contact Us Walmer Sun Motherwell Sun Northern Sun Western Sun
Archives for this Blog
Comment on this article via Facebook
The Herald Port Elizabeth - Inspired by Times Media Group The Herald Port Elizabeth Digital Media & Marketing Association

All material copyright The Herald. © Times Media Group. All Rights Reserved.

Subscribe | Terms & Conditions | Privacy Policy | News | Archives | Events | Blogs | Classifieds | About Us | Jobs | Herald Rates | WeekendPost Rates

Website development and design by Online Innovations